Enye yeembethi-manqindi ezazithembisa kakhulu nezazintandane zase-Orient Theatre, uNhlanhla ’24’ Ngamntwini, waseDuncan Village, eMonti, akasekho.

 Esaziwa kakhulu ngabalandeli bamanqindi ngegama elithi ’24’, usweleke ngoLwesibini. Kukhe kwakho ixesha apho wayelele ngantlentyananye kwisibhedlele iFrere, eMonti, edunjelwe ngumlenze.

Ongasekhoyo, nowayengumthelekisi ophume izandla, uMzimasi Mnguni, owayemthanda kakhulu uNgamntwini, wayekhe wacacisa ukuba kwakutheni na ukuze abizwe ngesiteketiso esithi ’24’. Waphiwa esisiteketiso ngenxa yobunzima bakhe obulula ngethuba wayeselula. 

Omnye wemilo kaNgamntwini ekhumbulekayo ngulowo apho wabethwa khona nguSimphiwe Konkco ngethuba babesilwela intshinga eyayingenamntu kwi-International Boxing Organisation (IBO) Intercontinental kudidi lweminimumweight ngoDisemba 2014. 

Umlo wokugqibela kaNgamntwini ngulowo apho wanqumamisa uMzwamadoda Mbhexeshi kumjikelo wesibini ngoSeptemba 2019. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php