Umqeqeshi wamanqindi uNcedo Cecane akafuni nokuyiva into yokokuba uSiphamandla ‘Toytoy’ Baleni asetyenziswe njengelitye lokugwencela phezulu yimbethi-manqindi yaseZimbabwe nengekabethwa uBeaven Sibanda njengokuba umlo wabo usondela nje.
Lenzalelwane yaseMthatha izakulwa noSibanda kumlo omijikelo isibhozo e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoMgqibelo kuleveki ezayo.
“Andizanga ndambona uToytoy ezimisele kangaka ngaphambi komlo. Indlela azimisele ngayo incomeka kakhulu. Eneneni, andimazi uSibanda, kodwa ndingatsho ndithi makacinge kwakhona kuba akazokuwuphumelela lomlo,” utshilo uCecane.
UCecane, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane, wongeze wenjenje: “Khumbula ukuba uToytoy yindoda elwayo, kwaye asikakumguqula. Kufuneka simlungise keindawo ethile njengomntu olwayo, siphinde silungise nendlela azikhusela ngayo.”
Lentshatsheli yamhlamnene kudidi lweminimumweight nejunior-flyweight eMzantsi Afrika yagqibela ukulwa eMzantsi Afrika ngethuba inqumamisa uMzamo Makhipheni e-Orient Theatre, eMonti, ngoDisemba 2022.
UBaleni, obekwa kwindawo yeshumi elinesihlanu kwiWorld Boxing Council (WBC), wabethwa nguHasanboy Dusmatov wase-Uzbekistan eRussia ngoNovemba kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo