Kungenzeka ukuba wayengayazi ukuba uPhumelela ‘The Truth’ Cafu ebedele efudukele eRhawutini, kodwa lonto ayikhange ithintele umqeqeshi wamanqindi uMiniyakhe Sityata ukuba anqwenelele lembethi-manqindi yaseDuncan Village amathamsanqa emva kokuzibandakanya noColin ‘Nomakanjani’ Nathan waseHot Box Gym.
USityata ebengazi kwanto ngokokuba uCafu, awaqala ukusebenza naye ngoJulayi 2022, wayesele eqhweshile de wabona umfanekiso walenjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight ikunye noNathan kumaqonga oluntu.
“Sithethile ngesigqibo sakhe. Ndimxelele ukuba esiya sisigqibo sakhe yedwa. Ndikuthethe oku emva kokubona umfanekiso wakhe noColin kuFacebook. Emva koko ndiye ndamnqwelela impumelelo namathamsanqa. Ndithetha ukuthi zininzi izinto ezenzekayo emanqindini,” utshilo uSityata.
USityata wayekwikona kaCafu ngethuba lembethi-manqindi inqumamisa u-Enathi Stelle kwimizuzwana engamashumi amabini anesithandathu kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight ngoDisemba kulonyaka ophelileyo. Okunikisa umdla ke kukuba uSityata wakhe wayibamba lentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight.
Kusenjalo, uCafu ukwindawo yeshumi elinanye kwiWorld Boxing Council (WBC), ulele isixhenxe kwiWorld Boxing Association (WBA), kwindawo yesine kwi-International Boxing Federation (IBF) nakwindawo yesithathu kwiWorld Boxing Organisation (WBO). – Monwabisi Jimlongo