UZizi Kodwa ulahlile njengoMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko emva kokuvela enkundleni ngetyala lobuqhwemesha ngoLwesithathu.

Lenzalelwane yaseGugulethu ithe muku ePalm Ridge Commercial Crimes Court ngesityholo sokunyotywa ngesigidi esinamakhulu amathandathu amawaka.

“UMnumzanza uKodwa uxelele umongameli ukuba uyalahla njengoMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko nokuba lilungu leKhabhinethi emva kokubekwa izityholo yinkundla,” litshilo iSebe leZemidlalo emva kwemini ngoLwesithathu.

UKodwa, omagama okuzalwa anguNcediso Goodenough wangena kwesisikhundla sokuba nguMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko elandela uNathi Mthethwa ngoMatshi kulonyaka ophelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php