Ikomiti evuma nekhaba imilo isele inamalungu amathathu emva kokuqinisekiswa kukaSiya Vabaza-Booi njengomlawuli kaBoxing South Africa (BSA) eMpuma Koloni ngoMvulo, kwaye asikavalwa esosikhewu.

Lekomiti ikhokelwa ngusihlalo wayo nowayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight u-Irvin Buhlalu, osebenza nentatheli uDroeks Malan noTinyiko Nkatingi, owayengumlawuli kaBSA eLimpopo.

“Asikasithabathi isigqibo ngeekomiti zethu,” utshilo usihlalo webhodi yeBSA uSifiso Shongwe. 

Kungenzeka ukuba ibhodi kaBSA igqibe kwelokokuba zihlale, zingaguquki ikomiti evuma nekhaba imilo naleyo emisa iimbethi-manqindi ngokoluhlu lwazo.

Ikomiti emisa iimbethi-manqindi ngokoluhlu lwazo ikhokelwa ngusihlalo wayo u-Andre de Vries, esebenza noXolile Dike, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight uNika Kumalo kunye nentshatsheli yamhlamnene kwi-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwentambanani uSilence Mabuza. 

Zombini ezikomiti zazonyulwe yingqonyela ebambeleyo kwaBSA uMandla Ntlanganiso ngethuba wayeligunya eliyintloko ngoMatshi. – Monwabisi Jimlongo  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php