Ubukhulu beMpuma Koloni – ukusuka kwiGamtoos Valley ukuya eMbizana – akusoze kubeyingxaki kuhambo lukaSiya Vabaza-Booi njengokuba enethemba, kwaye ezimisele ukusebenza ngenkuthalo njengomlawuli kaBoxing South Africa (BSA) ephondweni.  

UVabaza-Booi uqinisekiswe ngoMvulo kwisikhundla sakhe esitsha, engena kwindawo ebibanjwe nguPhakamile Jacobs isithuba esingaphaya kweminyaka engamashumi amabini.  

Ngaphambili, iMpuma Koloni ibinabalawuli ababini – kwingingqi yeBorder nakwi-Eastern Province. UJacobs ebelawula kwingingqi yeBorder, logama imbethi-manqindi yamhlamnene uNceba Dladla, owangena ezihlangwini zongasekhoyo uMtunzi Mapitiza, ebejongene ne-Eastern Province. 

“Ngokwendawo yokuhlala, ndime kwindawo entle. Akuzokubakho ngxaki kumgama phakathi kweendawo zeliphondo. Umsebenzi uzakwenzeka ngendlela efanelekileyo,” utshilo uVabaza-Booi, ozinze eCawa. 

Kungoku nje, uVabaza-Booi useGauteng apho ebebukele ngomdla omkhulu ngethuba umlawuli wephondo uHloks Ramagole eququzela kujongwa ubunzima beembethi-manqindi ngaphambi kwetumente ezakwenziwa yiGolden Gloves e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoMgqibelo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php