UJorge Garcia Perez uthulise abathandi bamanqindi e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngethuba enqumamisa intandane uRoarke Knapp kumjikelo wesithathu ngokuhlwa kwangoMgqibelo. 

Ngokuphumelela lomlo, uPerez waseMexico ubeyintshatsheli entsha ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-middleweight. 

UPerez wothuse uKnapp, obekhe wamfaka engxakini ngamanqindi amahle ekuzeni kuphela komjikelo wesibini. UPerez uye wancedwa kukukhala kwentsimbi ebiphelisa umjikelo.

Lommi waseMexico wenze kakuhle kakhulu ekuqaleni komjikelo wesithathu ewisa uKnapp. Usompempe womlo uDeon Dwarte uye wanyanzeleka ukuba awuphelise umlo.

Kusenjalo, uShervantaigh Koopman uphumelele intshinga ye-IBO Intercontinental kudidi lwejunior-middleweight emva kokubetha uWendy Toussaint waseMelika ngamanqaku.

Bobathathu abagwebi – uDwarte (98-92), John Shipanuka (96-94) waseZambia noPatrick Mukandiwa (97-93) waseZimbabwe – banqwalile besithi wenze ngokwaneleyo umfana waseGermiston.  

Ezinye iziphumo: 

UCharlton Malajika ubethe u-Arnel Lubisi ngamanqaku 

UBryan Thysse ubethe uSanele Mbatha ngokumnqumamisa kumjikelo wesithathu 

UBeaven Sibanda uquthise uSiphamandla Baleni ngamanqaku 

UChris Thompson ubethe uJuan Roux ngamanqaku 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php