Ibhodi kaBoxing South Africa (BSA) ithabathe isigqibo kwintlanganiso yangoMgqibelo ukuba u-Andre de Vries aqhubele phambili kwisikhundla sokubangusihlalo wekomiti eyenza uluhlu lweembethi-manqindi inyanga ngenyanga.

UDe Vries ubengusihlalo walekomiti emva kokubekwa yingqonyela ebambeleyo kwaBSA uMandla Ntlanganiso ngethuba esekwisikhundla sokuba ligunya eliyintloko.

Lomhlali waseKapa wayebambe esisikhundla de walahla emva kokuba ibhodi ebikhona yavumela umlo phakathi ko-Asanda Gingqi noSifiso Hlongwane ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo.

Ikomiti evuma nekhaba imilo ngelooxesha ayizange iwuvume umlo kaHlongwane kuba wayengekho kuluhlu lweembethi-manqindi ezazikudidi lwejunior-lightweight. 

Ukanti, asezakubhengezwa amanye amalungu azakusebenza noDe Vries kulekomiti ejongene nokwenza uluhlu lweembethi-manqindi.  

Kusenjalo, kuye kwabhengezwa ukuba ilungu lebhodi kaBSA uGqirha Luvuyo Bayeni ungusihlalo omtsha wekomiti evuma nekhaba imilo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php