Ukunikezela ngeentambo zolawulo okukuko, okungazange kwenzeke ngethuba ibhodi kaBoxing South Africa (BSA) eyayikhona iphelelwa lixesha ngoDisemba wonyaka ophelileyo, kuzakwenzeka kungekudala. 

Kwaye uSakhiwe Sodo, olilungu lebhodi kaBSA, uveze ukuba bamemele uLuthando Jack entlanganisweni. USodo wayelilungu lebhodi eyayikhokelwa nguJack njengosihlalo wayo.  

“Siyanxibelelana noLuthando Jack. Ngaphambi kokuphela kwenyanga, siceba ukuhlala naye, apho sizakungqubanisa iintloko malunga nomcimbi wokunikezela ngeentambo zolawulo ngokusemthethweni. Oku sizakukwenzela ukuze sibone ukuba ungakanani na umgama ohanjwe yibhodi ebikhona ngaphambili ukuze sithabathise apho ibiyeke khona,” uphefumle watsho uSodo.

Lebhodi entsha ijamelene noxanduva olukhulu lokuqinisekisa ukuba ayiphindi yome inxili kaBSA. Yayome qoko inxili kaBSA ngethuba ibhodi yangaphambili ishiya indawo ngoDisemba wonyaka ophelileyo. 

Lemeko ebilusizi yakhokelela ekubeni imivuzo yabasebenzi bakaBSA ihlawulwe liSebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko phakathi kukaJanyuwari noMatshi kulonyaka. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php