UBoxing South Africa (BSA) udize emva kwemini ngoMgqibelo ukuba ziimbethi-manqindi ezingamakhulu asixhenxe namashumi amabini ezifumene iimpepha zokulwa kunyaka-mali ka-2024/25. 

Ukongeza apho, ngabathelekisi abangamashumi asibhozo anesibhozo, abalawuli abalikhulu namashumi amane ananye, abaqeqeshi abalikhulu elinesihlanu, abancedisi-baqeqeshi abangamashumi amahlanu anesithandathu, abakhwazi baseqongeni abalishumi elinesihlanu, abagwebi kunye noosompempe abangamashumi asixhenxe nethoba abanikwe iimpepha zokusebenza.

Lilonke inani labantu abanikwe iimpepha zokusebenza liwaka namakhulu amabini aneshumi elinambini. 

Ngokokutsho kwengqonyela ebambeleyo kwaBSA uMandla Ntlanganiso, iyaxhalabisa imeko yaseMntla Koloni, eMntla Ntshona, eMpumalanga naseLimpopo ngenxa yokokuba onke lamaphondo enabantu abangaphantsi kwamashumi amahlanu anesihlanu abanamaphepha okusebenza. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php