UMthokozisi Ngxaka ufumene ikhaya elitsha, apho azakuqeqeshwa khona njengokuba yena nomlawuli wakhe u-Andile Mshumpela befuna ukuthabatha amanqindi akhe bawase phambili.

UMshumpela uthumele uNgxaka e-All Winners Boxing Club eMdantsane kulandela ukuthethathana phakathi kwakhe, imbethi-manqindi kunye nomlawuli welaziko lokuziqeqesha uMlandeli Tengimfene.

“Ikhona into esiyidibanisileyo noBro Mla malunga nokokuba uNgxaka aqeqeshwe phaya, yiyo lonto engakwazi ukucela umngeni kuSiyakholwa Kuse. Esisigqibo size emva kokuba bendihleli phantsi kwintlanganiso noNgxaka ndambonisa ukuba ukuya phaya kuzakumnceda ukubheka phambili. Sifuna afumane amathuba,” utshilo uMshumpela.

Okwangoku, lenzalelwane yaseMthatha eyazimanya neMshu One Boxing Management kaMshumpela ngoJanyuwari kulonyaka, ibekwa kwindawo yesibini kudidi lweminimumweight. 

“Ewe, uNgxaka uziqeqesha kunye nathi e-All Winners. Ikhona into esiyicebayo ngaye,” utshilo uTengimfene. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php