USinethemba Blom usayilambele intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight njengokuba amehlo akhe engawasusi kwintshatsheli uKhaya Busakwe, oyinzalelwane yaseSoweto. 

Oku kudizwe kwi-Ink Sport ngumlawuli kaBlom uLonki Witbooi emva kwemini ngoLwesihlanu. 

“Sifake isicelo sokucela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight. Sisalindele impendulo kwinkampu kaBusakwe. Sele sithethile noBoxing South Africa malunga nokukulibaziseka komcelimngeni wethu,” utshilo uWitbooi. 

UBusakwe waseCentral Western Jabavu, eSoweto, sele eyikhusele kabini intshinga yakhe awayiphumelela ngokubetha inzalelwane yaseMdantsane uLusanda Komanisi ngoMatshi kulonyaka ophelileyo. Wabetha u-Ayanda Nkosi ngamanqaku ngoJuni kulonyaka ophelileyo, waze waphinda wanqumamisa uShameeg ngoDisemba.   

“Asazi nto thina ngalento. UBusakwe yintshatsheli, kwaye kufuneka eyikhusele intshinga yakhe,” utshilo uNorman Hlabane, ongumqeqeshi kaBusakwe.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php