UMzantsi Afrika uzuze imbasa yegolide yawo yokuqala kwimidlalo yee-Olimpiki eParis kwelaseFrance emva kokuba uTatjana Smith ephume phambili kwiindadi zabasetyhini ebezidada kwi-100m breaststroke kwiqula iParis la Defence Arena ngoMvulo ngokuhlwa.
Wenze kakuhle kakhulu uSmith, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, njengokuba wayephumelele imbasa yesilivere kwimidlalo yee-Olimpiki eTokyo kwelaseJapan kwiminyaka emithathu egqithileyo.
USmith, oyinzalelwane yaseRhawutini, waphumelela imbasa yegolide kwi200m breaststroke kwimidlalo yee-Olimpiki eTokyo.