Sele kucaca ngoku ukuba umnikazi weFantastic 2 Boxing Promotions u-Elias Tshabalala uzakohlwaywa emva kokufeda ukuhlawula iimbethi-manqindi zaseTanzania uJesca Mfinanga no-Egine Kayange ababelwe kwitumente yakhe ngoJuni. 

UMfinanga noKayange abazange bahlawulwe emva kokubethwa nguSimangele Hadebe noMonica Mkandla ngokulandelelana. Ngenxa yoko, ezimbethi-manqindi zimbini zala ukushiya uMzantsi Afrika zibuyele ekhaya eTanzania zingayifumananga imali yazo. 

Zazibona zingoodingindawo eMzantsi Afrika zingenayo nesenti de zayokhoseliswa kwizindlu zokuzakuzo zaseTanzania ePitoli apho kwangenelela khona uBoxing South Africa (BSA) emva kokuba zazisele zichithe iintsuku ezingaphaya kweveki. 

UBSA wathenga amatikiti okubuyela eTanzania, waze waphinda wahlawula imali yazo eyayizidola zaseMelika ezingamawaka amahlanu anamakhulu amabini (imali eqikelelwa kwiirandi ezingamawaka angamashumi alithoba anesihlanu).

“Ndingaqinisekisa ukuba iimpepha zokubangumthelekisi zikaMnumzana u-Elias Tshabalala zisamisiwe nguBoxing SA. Uzakuvela phambi kwekomiti yoluleko kungekudala,” itshilo ingqonyela ebambeleyo kwaBSA uMandla Ntlanganiso. 

Letumente apho uMfinanga noKayange ababelwe kuyo yakhe yamiswa ngaphambi kokuba ibenokuqhubeka. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php