Kuzakubangathi uqala phantsi emanqindini uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha xa esilwa nembethi-manqindi yaseZimbabwe uNdabezinhle Phiri kwisithuba esingaphaya kweeveki ezimbini. 

Lenzalelwane yaseMdantsane, eyayiyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight, izakulwa noPhiri kumlo wecatchweight e-Orient Theatre, eMonti, ngeCawa umhla wamashumi amabini anesihlanu ku-Agasti.  

Izakuba kokokuqala uTyirha esilwa kususela mhla wothuswa nguGeorge Kandulo waseMalawi, owamnqumamisa kumjikelo wesibhozo e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ebutsheni bukaJulayi kulonyaka ophelileyo.  

“Ngexesha urhoxiswa umlo wakhe, ndacinga ukuba kanene uTyirha kusafuneka ezibonakalisile. Siye sathethathethana, safumana lomlo wangomhla wamashumi amabini anesihlanu ku-Agasti. Kuye ke, le yindlela yokubonisa ukuba ungubani na. Ngumlo wakhe wokuqala ngaphantsi kwesandla sam. Kufuneka azibonakalise,” utshilo uMlandeli Tengimfene, ongumlawuli kaTyirha.

“Wabethwa ebukelwe ngabantu kamabonakude. Kufuneka abuyisele isidima sakhe ukuze zonke izinto zizokubuyela kundalashe. Ngumlo obaluleke kakhulu kuye lo, kwaye kufuneka ephumelele ngendlela encomekayo. Siceba ukuba alwele intshinga yoMzantsi Afrika, emva koko sihambe silwe kwimilo yamazwe ngamazwe.”

Ukubethwa nguKandulo kwamchana kakhulu uTyirha njengokuba wayebekwa phezulu kuluhlu lweembethi-manqindi kwimibutho emine ephambili ehlabathini ngaphambi kwalamlo.

Wayekwindawo yesithandathu kwiWorld Boxing Council (WBC) nakwi-International Boxing Federation (IBF), ekwindawo yeshumi elinambini kwiWorld Boxing Association (WBA) nakwindawo yesixhenxe kwiWorld Boxing Organisation (WBO). – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php