Lubekiwe usuku lomlo apho intshatsheli yehlabathi uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga izakukhusela intshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight okokuqala xa esilwa noMasamichi Yabuki waseJapan

Umlo phakathi koNontshinga noYabuki, owayeyinjinga yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwejunior-flyweight, uzakubanjelwa eNagoya kwelaseJapan ngeCawa umhla weshumi elinambini ku-Okthobha.

“Ewe, ekugqibeleni uyenzeka lomlo, kwaye ndijonge apho uSive ezakulwa kakuhle, ayikhusele ngempumelelo intshinga yehlabathi,” utshilo uColin ‘Nomakanjani’ Nathan, ongumqeqeshi nomlawuli kaNontshinga.

Lomlo uziswa lilima phakathi kweMatchroom, iLush Midori Gym, iTeiken Promotions kunye neNO DOUBT Management kaNathan. 

“Ndanditshilo ukuba asinangxaki nokuyokulwa eJapan njengokuba uSive ebonakalisile ukuba angalwa naphi na, aphumelele. Xa ukhangela ngakwicala lezimali, uSive uzakuhlawulwa kakuhle, kwaye ndinoxanduva lokuqinisekisa ukuba ufumana imali entle kakhulu,” utshilo uNathan. 

UYabuki, ophumelele imilo elishumi elinesithandathu engqengqisa amadoda alishumi elinesihlanu, ebethwe kwimilo emine, wakhe wanqumamisa umkhaya wakhe waseJapan uKenshiro Teraji kumjikelo weshumi kumlo wentshinga yeWBC kudidi lwejunior-flyweight ngoSeptemba 2021. 

UNontshinga uphefumle wathi ngezindaba zintsha: “Ndiva kamnandi ngenxa yezindaba. Kudala ndilindele ukukhusela lentshinga. Makuliwe njengokuba umhla womlo sele wazisiwe nje. Ndiqhelile ukulwa kumazwe angaphandle nokuhlutha iibhanti kwabanye abantu, asiyonto enzima le.” 

UNomfesane Nyatela, ongumlawuli oyintloko kwiSpecial One Management, uthethe wathi:  “Sonke sinebhongo neqhayiya ngaye. Ulimele ilizwe lethu njengonozakuzaku wenene.” 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php