Umqondisi olawulayo kwiGolden Gloves uRodney Berman uthi amanqindi oMzantsi Afrika azakuphumelela nokuba kuphumelele uRicardo Malajika okanye uYanga Sigqibo njengokuba intshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight izakuhlala ihleli kwelilizwe emva komlo wangoLwesihlanu kuleveki ezayo.

UMalajika uzakube ekhusela isithsaba sakhe kwakhona xa engquzulana noSigqibo waseDuncan Village kwimijikelo elishumi elinambini e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni.

“Lomlo ubonisa okuhle ngamanqindi aseMzantsi Afrika. USigqibo ukwindawo yeshumi elinesine kwiWBC noMalajika ukwindawo yesibhozo. Babekwa kwindawo ephezulu bobabini,” utshilo uBerman.

“Xa unoophopho beembethi-manqindi ezimbini, akubikho kulahlekelwa. Ndilindele umlo omhle kwiimbethi-manqindi eziphambili. Ndiqinisekile ukuba zombini ezimbethi-manqindi, nokuba zithini na iziphumo, zizakuya phambili ngeendlela ezahlukeneyo.” 

UMalajika uzakube ekhusela intshinga yakhe isihlandlo sesibini kususela mhla wayiphumelela emva kokubetha uKevin Luis Munoz wase-Argentina ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo. Wabetha uMarcel Braithwaite waseBrithane ngamanqaku kwiinyanga ezine ezigqithileyo.

“Ngokucacileyo, uMalajika ndimbeka kwindawo ephezulu. Andiyicingi into yokokuba abantu bayayiqonda indlela amhle ngayo eqongeni. Ukuba uphumelele, inyathelo lam elilandelayo kukumsa phambili kwintshinga yeWBC. Ngokuqinisekileyo, uzakunyuka kuluhlu lweWBC,” utshilo uBerman. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php