U-Enathi Stelle uyishiyile iLuvuyo Boxing Club eseMdantsane, kwaye ngoku sele eqeqeshwa ngowayeyintshatsheli yeWorld Boxing Association (WBA) ne-International Boxing Organisation (IBO) kudidi losiba uSimphiwe ‘V12’ Vetyeka. 

Oku kungqinwe ngumlawuli kaStelle u-Andile Mshumpela kunye nalembethi-manqindi. Nangona nje eyishiyile iLuvuyo Boxing Club, uStelle useza kulawulwa nguMshumpela. 

UStelle uyinjinga yaseMpuma Koloni kudidi lwejunior-bantamweight, kwaye wakhe wazama ukuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika. Wanqunyanyisa kwimizuzwana engamashumi amabini anesithandathu nguPhumelela Cafu ngethuba besilwela intshinga yoMzantsi Afrika eyayingenamntu kudidi lwejunior-bantamweight ngoDisemba kulonyaka ophelileyo. 

“UStelle wayeyimbethi-manqindi yam yokuqala. Ndimkhululile ukuba ayoqeqeshwa kwenye indawo emva kokuphulaphula isicelo sakhe. Zikhona nezinto endingakhange ndizithande. Emva kokunyamalala kwakhe, uStelle uye wacela intlanganiso kunye nam esithi ucela ukukhululwa,” utshilo uMshumpela. 

“Ndiye ndamxelela ukuba bendisilindele isicelo esinjalo. Ekuqaleni, ndandicele uVetyeka ukuba asebenze naye. Ndimxelele uStelle ukuba mna naye sisenesivumelwano esasityikitya ngoDisemba kulonyaka ophelileyo. Ndizakuqhubela phambili ndimkhangelela imilo njengomlawuli wakhe. Kukuye ke ukuba uzakuyamela na loomilo.”

Ephefumla malunga nokuhamba kwakhe, uStelle uthe: “Ewe ndimkile eLuvuyo Boxing Club. Ngoku ndiqeqeshwa nguV12. UBro Ace uzakuqhubela phambili engumlawuli wam.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php