Sele kubonakalisa iziqhamo ukufuduka kukaPhumelela ‘The Truth’ Cafu esuka eMonti eyokutyikitya neNO DOUBT Management kaColin ‘Nomakanjani’ Nathan njengokuba ezakulwela intshinga yehlabathi nje.

Lenzalelwane yaseDuncan Village izakulwela intshinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight. Lentshinga iphethwe nguKosei Tanaka waseJapan, kwaye lomlo uzakubanjelwa e-Ariake Arena eTokyo ngoMvulo umhla weshumi elinesine ku-Okthobha. 

Ubudlelwane nentsebenziswano phakathi kukaNathan no-Akihiko Honda weTeiken Promotions bubo obuqandusele ekubeni uCafu afumane ithuba lokulwela intshinga yeWBO.

“Ngethuba uPhumelela ezibandakanya neBoxing 5 kunye nam, wayefuna ukulwela intshinga yehlabathi. Ndamxelela ukuba andinike iinyanga ezimbalwa ukuze ibenokwenzeka lonto. Ndiye ndanxibelelana noMnumzana uHonda, ndamchazela iindaba zokokuba uCafu sele ezibandakanye nam, yonke into ke ngoku sele iyimbali. Njengokuba intetho isithi, akusetyenzwa ngento oyaziyo, koko kusebenza ukuba wazi bani na,” utshilo uNathan.

UCafu, ongomnye weembethi-manqindi eziphambili eMzantsi Afrika, uphumelele imilo elishumi, enqumamise amadoda asibhozo, waze walwa ngokulingana kwimilo emithathu. 

Kwelinye icala, uTanaka uphumelele imilo engamashumi amabini, enqumamise amadoda alishumi elinanye, ebethwe kumlo omnye. UTanaka, intshatsheli yehlabathi izihlandlo ezine, uzakube ekhusela intshinga yakhe okokuqala kususela mhla wayiphumelela ngokubetha uChristian Bacasegue Rangel waseMexico ngoFebruwari walonyaka.

“Kudala ndiphupha ndiyinjinga yehlabathi, kwaye andinangxaki nokokuba ndilwa nabani na kuba ndiyayazi ukuba ndinaso isakhono sokubetha nabani na. Ndineenyanga nje ngaphambi kokuzaliseka kwephupha lam. Kufuneka ndibulele ‘uNomakanjani’ neBoxing 5 ngokuqinisekisa ukuba oku kuyenzeka. Ndikulungele ukothusa ihlabathi, ndibuyele ekhaya ndixwaye intshinga yehlabathi,” utshilo uCafu. 

UCafu uzakuba yimbethi-manqindi yesibini yaseMzantsi Afrika ukulwa noTanaka. UTanaka wabetha umkhaya kaCafu waseDuncan Village uYanga Sigqibo ngamanqaku ngoDisemba 2022.  

Ingqonyela yeBoxing 5 uLarry Wainstein uthethe wenjenje: “UColin wakha, aphinde anike iimbethi-manqindi amathuba kuba wazana nabantu abaninzi into eyenza ukuba iimbethi-manqindi zilwe kumaqonga aphezulu, zilwiswa ngabathelekisi abaphambili ehlabathini. Siziva sinengqiniseko yokokuba uCafu angaphumelela, abeyintshatsheli yehlabathi.” 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php