Umqeqeshi wamanqindi ozinze eRhawutini uManny Fernandes ulindele umlo onzima xa imbethi-manqindi yakhe uRicardo Malajika evana amandla noYanga ‘Showtime’ Sigqibo waseDuncan Village ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

UMalajika uzakukhusela intshinga yakhe ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight xa equbisana noSigqibo e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, emva kokuba zombini ezimbethi-manqindi zibenze lula ubunzima ngoLwesine. 

“Izakuba ngumlo omkhulu, nonzima. UShowtime yimbethi-manqindi enzima njengazo zonke iimbethi-manqindi zaseMonti, ezilwa zibuya umva,” uphefumle watsho uFernandes.

UMalajika uzakube elinga ukukhusela ngempumelelo isihlandlo sesibini ukususela wayiphumelela lentshinga ebetha uKevin Luis Munoz wase-Argentina ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo. Wayikhusela okokuqala ebetha uMarcel Braithwaite waseBrithane ngo-Epreli kulonyaka. 

“NdinoRicardo apha, kwaye ngumlo wakhe wesibini ngaphantsi kwesandla sam. Walwa kakuhle kakhulu kumlo wakhe wokuqala, waphumelela yonke imijikelo ebetha intshatsheli yamazwe ayesakuba ngamathanga. Uzakuba ekwelinye inqanaba kulomlo,” utshilo uFernandes. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php