UBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu uzakufumana ithuba lokubuyisa intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight awaphulukana nayo njengokuba esilwa noSiyabulela Hem kulenyanga ezayo.

Mahlangu, oneminyaka engamashumi amane anesihlanu, waphulukana nentshinga yakhe ihluthwa nguHem eMidrand kwisithuba esiphantse sibeziinyanga ezimbini. Kodwa iziphumo zomlo azizange zibavuyise abalawuli bakaMahlangu njengokuba bafaka isicelo sokokuba uphononongwe lomlo. 

UBoxing South Africa (BSA) wanqwala, waze watyumba abagwebi abazimeleyo bephuma kumaphondo awohlukeneyo. Emva kokuwuphonononga lomlo, abagwebi bathi uMahlangu wawuphumelela.

“Sisekwingxoxo, kwaye umhla womlo awukabekwa. Simaxhaphetshu siziweqewesha, silungiselela lomlo,” utshilo uSandile Mahlangu, ongumqeqeshi nomninawa walenjinga yamhlamnene.

I-Ink Sport ingadiza ukuba umlo oyimpinda phakathi kukaHem noMahlangu uzakubanjelwa eMonti ngoDisemba nangona nje umhla ungekabekwa. EMonti kulapho uMahlangu wayiphumelela khona lentshinga emva kokunqumamisa owayeyinjinga u-Ayabonga Sonjica kumjikelo wesithandathu e-Orient Theatre ngoJulayi 2022. 

Ekuqaleni, uHem ebezakukhusela intshinga yakhe kuVusumuzi Ngcamu ngeCawa umhla wamashumi amabini anesine kuNovemba. Kodwa ngoku yonke into iguqukile emva kokuphononongwa ngokutsha komlo kaHem noMahlangu. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php