Njengokuba kushiyeke into engaphantsi kwenyanga ngaphambi komlo wakhe nommi waseZimbabwe uBeaven Sibanda, uSiyakholwa Kuse, oyimbethi-manqindi yaseMdantsane, sele eseRhawutini, apho ayokuqhubela phambili namalungiselelo omlo.
Njengesithembiso esenziwa ngumlawuli wakhe uMlandeli Tengimfene kulenyanga ephelileyo, uKuse unikele umva iMpuma Koloni eyokugxumeka iintente eGauteng kwilinge lokuqhubela phambili namalungiselelo omlo wakhe noSibanda. Lomlo uzakubanjelwa e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni ngoLwesihlanu umhla wesithandathu kuDisemba.
Lentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight ezakulwa noSibanda kwintshinga yeWorld Boxing Council (WBC) Silver strawweight, intingele eRhawutini emva kwemini ngeCawa.
UKuse ubephelekwe ngowayeyinjinga yehlabathi uZolani ‘Last Born’ Tete, intshatsheli yamhlamnene kudidi losiba eMzantsi Afrika u-Azinga Fuzile noMthokozisi Ngxaka.
“UKuse uhambe noZolani, u-Azinga noNgxaka. Bazakuhlala eRhawutini kude kubesemva komlo,” uqinisekise watsho uTengimfene, obebaphelekile ukuya eRhawutini.
UNgxaka, oyintshatsheli yodidi lweminimumweight eMpuma Koloni, nguye ozakuncedisa uKuse kakhulu ngethuba eziqeqesha, elungiselela umlo wakhe. – Monwabisi Jimlongo