Igqala lomqeqeshi wamanqindi uManny Fernandes ukholelwa ukuba injinga yehlabathi uRicardo Malajika angabetha nayiphi na imbethi-manqindi elwa kudidi lwejunior-bantamweight.

UFernandes ukuthethe oku emva kokuba uMalajika ethe qwaka-qwaka uJackson Chauke kwimijikelo emibini kumlo obuse-Emperor’s Palace, Kempton Park, ngempelaveki. Ngenxa yokuphumelela kwakhe lomlo, uMalajika wohluthe uChauke intshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwempukane. 

“UChauke ebengazange anqunyanyiswe ngaphambili, simnqumamise kumjikelo wesibini. Salwa noYanga, owayengazange anqunyanyiswe ngaphambili, samnqumamisa. Ukuba (Phumelela) uCafu, ongazange anqunyanyiswe ngaphambili, angeza, singamnqumamisa,” utsho ngesibindi uFernandes.

“Besijonge ukumnqumamisa mhlawumbi phaya kumjikelo wesibhozo okanye oweshumi, kodwa ngenxa yamandla kaMalajika kunye noqeqesho endimnike lona, jonga into ayenzileyo. Jonga nemeko ebekuyo ngokwasemzimbeni.” 

Ukubetha kwakhe uChauke kuthethe ukuba uMalajika uye wabayintshatsheli yehlabathi owesibini nanjengokuba eyinjinga ye-IBO kudidi lwejunior-bantamweight. 

“Sizakuthetha noRodney (Berman). Sizakubuyela kudidi lwejunior-bantamweight. Sizakuba nomlo okanye imilo emibini,” utshilo uFernandes. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php