Ayikho into ayifuna ngamandla uShervantaigh Koopman ukogqitha ukuzipha isipho esihle somhla wokuzalwa kwakhe esiyibhanti ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-middleweight.
UKoopman, ozakufinca iminyaka engamashumi amathathu ananye ngoLwesihlanu, ukulungele ukongeza enye intshinga njengokuba ecela umngeni kwinjinga ye-IBO kudidi lwejunior-middleweight u-Uisma dos Ramos Lima wase-Angola e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye kuMeyi.
“Ndichithe into engaphaya kweenyanga ezintathu ndilungiselela lo mlo, kwaye ndingatsho ndithi yonke into ihamba kakuhle. Ndikulungele ukuphumelela lentshinga,” uphefumle watsho uKoopman.
UKoopman, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-middleweight, wongeze ngelithi: “Uthetha lukhulu kum lo mlo. Kudala ndifuna ukuba yintshatsheli yehlabathi, kwaye ndizakubayiyo ngomhla wamashumi amathathu ananye kuMeyi.”
Ebhekisa kuLima, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini nozinze eLisbon kwelasePortugal, uKoopman uthe: “Ndiyibukele imilo yakhe, kwaye uyimbethi-manqindi entle kakhulu. Usebenze kakhulu.”
UKoopman wanqumamisa ummi waseCanada uBrandon Cook kumjikelo wesihlanu kumlo wentshinga yeWorld Boxing Association (WBA) Intercontinental kudidi lwejunior-middleweight ngo-Okthobha nyakenye.
Kodwa ke, yayingengomlo olula lowa njengokuba uKoopman, ohlala eGermiston, wawiswa kabini kumjikelo wokuqala.
Ukanti, uLima, owazalelwa eLuanda kwelase-Angola, waphumelela lentshinga ye-IBO emva kokubetha imbethi-manqindi yase-India nezinze eCanada uSukhdeep Singh Bhatti e-Ontario kwelaseCanada ngoNovemba kulonyaka ophelileyo.
UKoopman akakabethwa njengokuba eyiphumelele yolishumi elinesihlanu imilo yakhe, enqumamise amadoda alishumi, logama uLima ephumelele izihlandlo ezilishumi elinesithathu, wanqumamisa amadoda alithoba, wabethwa kumlo omnye.
Kusenjalo, imbethi-manqindi yodidi lwanzima nengekabethwa uJuan Alberts uzakulwa noMateus Munhoz Matias da Penha waseBrazil kuletumente.
U-Alberts, onqumamise uMcheni Briton waseMalawi kumjikelo wesine eKapa kulenyanga ephelileyo, uyiphumelele yomine imilo yakhe, enqumamise amadoda amathathu.
Kwelinye icala, uPenha, oyintshatsheli yodidi lwanzima kwelaseBrazil, uzakulwa okokuqala ngaphandle kwemida yaseBrazil. Lenzalelwane yaseSao Paulo, eneminyaka engamashumi amabini anethoba, iphumelele imilo esixhenxe, yanqumamisa amadoda amatathu, yabethwa kanye, yaze yalwa ngokulingana kumlo omnye. – Monwabisi Jimlongo