Emva kokunqumamisa uMarwan Mohamad Madboly waseYiphutha kumjikelo wesithathu kwisigaba esigqithileyo seWBC Grand Prix eRiyadh kwelaseSaudi Arabia kulenyanga ephelileyo, ngoku uNtethelelo ‘Baby G’ Nkosi uzakulwa nembethi-manqindi yaseChina.

UNkosi, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight, ulwa noJu Wu kwisigaba esilandelayo seWBC Grand Prix eRiyadh kwimpelaveki yomhla wamashumi amabini ukuyokutsho kowamashumi amabini anesibini kuJuni.

“Ndilwa kunye noJu Wu waseChina. Lo mlo uzakuba kwimpelaveki yesithathu kuJuni,” udize watsho uNkosi, owazalelwa eMtubatuba.

UWu, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, ufikelele kumjikelo wesibini waletumente emva kokubetha uJokin Garcia waseSpain. UWu yinjinga yeWBC Far East kudidi lwejunior-welterweight, kwaye wakhe waphumelela intshinga yeWBO Asia-Pacific Youth ne-IBO International kudidi lwelightweight. 

Noko elinxele, elazalelwa eJinan, alinguye udubul’egeqa njengokuba liphumelele imilo elishumi elinesihlanu, linqumamise amadoda amathathu, labethwa komnye, laze lalwa ngokulingana kwemibini. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php