ULindelani Sibisi ebezakubuyela e-Orient Theatre, eMonti, kwakhona ukuba bekuyiwa ngaye njengokuba ephelise iminyaka ephantse yamibini nesiqingatha yokukhonya kukaZolisa Batyi njengentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba.
Emva kokulwa ngendlela encomekayo, ethulisa i-Orient Theatre, uSibisi unqumamise uBatyi kumjikelo weshumi, waze ngalondlela wabayinjinga entsha yoMzantsi Afrika kudidi losiba ngokuhlwa kwangeCawa.
Esisebenzisa ngendlela eyiyo isandla sakhe sasekunene, uSibisi uwise uBatyi kathathu – kanye kumjikelo wethoba nakabini koweshumi nto ke leyo ephawule ukuphela kobuntshatsheli bukaBatyi nobaqala ngethuba enqumamisa uJeff Magagane kumjikelo wesibini eSeshego, ePolokwane, ngoDisemba 2022.
“Ndingathanda ukuphinda ndibuyele e-Orient Theatre. Abantu baseMonti bawathanda ngenene amanqindi. Kuhle ukuphumelela kude nekhaya. Nabani na ophumelela kude nekhaya uyintshatsheli yokwenene,” utshilo uSibisi.
Lentshatsheli eyinzalelwane yaseDundee yongeze ngelithi: “Umlo uhambe kakuhle kakhulu. Andikhange ndiwulindele ukuba uzakubanzima ngohlobo obunzima ngalo. UBatyi ubonisile ukuba ebeyintshatsheli. Ndiye ndanyanzeleka ukuba ndisebenze nzima ukuze ndiphumelele, kwaye ndivuya kakhulu ngokuphumelela lomlo.”
Kulandela lempumelelo, uSibisi uliphuculile irekhodi lakhe njengokuba ngoku sele ephumelele imilo elithoba, enqumamise amadoda asibhozo, wabethwa kwimilo emibini, logama uBatyi ephumelele kwimilo elishumi, wabethwa kwemithathu, waze walwa ngokulingana komnye. – Monwabisi Jimlongo