ULindokuhle Khuzwayo akakungxamelanga ukucela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba nephethwe yinzalelwane yaseDundee uLindelani Sibisi, oyihluthe kuZolisa Batyi e-Orient Theatre, eMonti, ngokuhlwa kwangeCawa.

Okwangoku, uKhuzwayo usagxile kumalungiselelo omlo wakhe ozayo kunye nowayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba uJeff Magagane eRhawutini ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini ananye kuJuni. 

“ULindo wayecele umngeni kuBatyi, kodwa umlo awuzange ubekho kuba basuka bafuna imali eninzi. Ngoku sigxile ekulungiseleleni umlo noMagagane, kwaye sizakucela umngeni kuSibisi emva koko,” utshilo uSean Smith, oqeqesha uKhuzwayo.   

UKhuzwayo, ongekabethwa noyiphumelele yomithandathu imilo yakhe, enqumamise amadoda amane, uzakuya kumlo noMagagane emva kokunqumamisa uSithembiso Maduna kumjikelo wesibini ePitoli ekuthwaseni kwalenyanga.

Ukanti, uMagagane uzakulwa okokuqala kwisithuba esingaphaya konyaka. Wagqibela ukulwa ngethuba wayebethwa ngummi wasePortugal uPedro Manuel Gomes eLisbon kwelasePortugal ngoDisemba 2023. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php