Imithetho engqingqwa elawula ukufumana imvume yokungena kwelaseMelika ayimbeki ngaphantsi koxinezelelo umqeqeshi wamanqindi uColin ‘Nomakanjani’ Nathan njengokuba amalungu eqela lakhe labaqeqeshi angangabikho kumlo kaPhumelela ‘The Truth’ Cafu kulempelaveki ezayo.  

UNathan noCafu baseLas Vegas, eMelika, apho lentshatsheli yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight iqhubela phambili namalungiselelo omlo wayo kunye nenjinga yeWorld Boxing Council (WBC) neRing Magazine uJesse ‘Bam’ Rodriguez eFord Centre, eStar Frisco, eDallas, eTexas, kwelaseMelika ngoMgqibelo umhla weshumi elinethoba kuJulayi (ngeCawa umhla wamashumi amabini kuJulayi, ngokwexesha loMzantsi Afrika). 

UBernie Pailman, uLarry Wainstein noHayden Jones, abayinxalenye yeqela elisebenza noCafu, baseseMzantsi Afrika njengoko bengekayifumani imvume yokuya kwelaseMelika. 

“Andiqinisekanga ukuba bazakulufumanana udliwanondlebe kusini na. Kodwa ke mna uyandazi ukuba ndisoloko ndinecebo endiqamele ngalo. Andikho phantsi koxinezelelo,” utshilo uNathan eseLas Vegas. 

UNathan nalenzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, banikele umva uMzantsi Afrika besingise eMelika ngoMgqibelo weveki ephelileyo. 

Ngoku basazinze eLas Vegas, apho baqhubela phambili noqeqesho eDLX Boxing Gym, ngaphambi kokundulukela eTexas ngoMvulo kuleveki ezayo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php