Kubonakala ngathi unesimnyama umlo wentshinga engenamntu kudidi lwejunior-welterweight eMzantsi Afrika njengokuba umlo phakathi ko-Aphiwe Boyiya noSibusiso Zingange umisiwe. 

Ekuqaleni lo mlo ububekelwe uMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithandathu kuJulayi e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, kodwa ngoku umiselwe uSeptemba. 

Ukumiswa kwalomlo kulandela emva kokuba umthelekisi uJoyce Kungwane weTLB Boxing Promotions exelelwe ngoosomaqhuzu base-Emperors Palace ukuba ayisafumaneki indawo. 

“Itumente imisiwe emva kokuba ndifumene umyalezo ovela e-Emperors Palace ngokungafumaneki kwendawo. Sele ndimbhalele uBoxing South Africa (BSA) ngayo yonke lento. Mhlawumbi ndizakuwenza lo mlo ngoSeptemba,” utshilo uKungwane.

Kwabakho ukukhululeka emoyeni kwinkampu kaBoyiya noZingange emva kokuba uBoxing South Africa (BSA) ewuvumile umlo wabo kuleveki ephelileyo. 

Kusenjalo, lentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight yathiwa xibilili nguNtethelelo Nkosi ngoMatshi eyokufuna udumo kwiWBC Grand Prix eRiyadh kwelaseSaudi Arabia. 

Ekuqaleni, uBoyiya noSipho Mahlangu babezakulwela lentshinga, kodwa akuzange kwenzeke oko emva kokuba abaphathi bakaZingange balwa kwamdaka iisali ngelithi imbethi-manqindi yabo ifanele ukuyilwela lentshinga. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php