Njengokuba efikelele kumjikelo wesithathu kwiWBC Grand Prix, eRiyadh, kwelaseSaudi Arabia, ngoku uBekizizwe ‘Dr Sleep’ Maitse ulungiselela umlo wakhe kunye no-Iman Lee waseMelika kulenyanga ezayo. 

UMaitse ufikelele kumjikelo wesithathu wolukhuphiswano emva kokubetha ummi waseTanzania uJuma Ramadhan Juma Kikande, owaziwa kakhulu ngegama elinguJuma Choki, eGlobal Theatre Boulevard Riyadh City, eRiyadh, kwelaseSaudi Arabia, kulenyanga ephelileyo. 

“UMaitse uzakulwa nembethi-manqindi yaseMelika u-Iman Lee kwiWBC Grand Prix ngomhla weshumi elinesithathu ku-Agasti,” udize watsho uBrad Norman, ongumlawuli kaMaitse. 

Ephumelele imilo esibhozo, wanqumamisa amadoda amathathu, wabethwa kumlo omnye, uMaitse, oyinjinga ye-African Boxing Union (ABU) SADC kudidi losiba, ulungiselela umlo wakhe noLee ngaphantsi kweliso elibukhali lowayeyintshatsheli ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-bantamweight neWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwentambanani uZolani ‘Last Born’ Tete.

UMaitse, ongunyana wenjinga yamhlamnene eMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uBongani Mahlangu, ubekwa kwindawo yesithandathu kuluhlu lweembethi-manqindi ezikudidi losiba kweli.  

Kusenjalo, uLee, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, uyiphumelele yolishumi elinesine imilo yakhe, enqumamise amadoda asibhozo, ubethe uHector Munguia Calderon waseMexico noJuan Manuel Albornoz wase-Argentina kwimijikelo emibini egqithileyo kolukhuphiswano. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php