Umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight wenjinga uMthokozisi Ngxaka umiselwe iCawa umhla weshumi elinesixhenxe ku-Agasti.
Ekuqaleni, uNgxaka ebebekelwe ukuba alwe noThinumzi Gqola ngeCawa umhla wesithathu ku-Agasti, apho eziimbethi-manqindi zimbini zaseMpuma Koloni, intshatsheli nomcelimngeni, bezizakulwa ngaphaya kwemida yephondo.
Ngoku, uNgxaka noGqola bazakuntlithana kwiholo iPortuguese, eRhawutini, kwitumente ezakwenziwa yiGlove and Glory Boxing Promotion. Njengokuba yayibizwa ngeBonglez Boxing Promotion ngaphambili, eliqumrhu lokuthelekisa emanqindini liguqule igama laba yiGlove and Glory,” utshilo usomaqhuzu weGlove and Glory uBongani Dlamini ngoMvulo.
“Lenguqu iza njengohlengahlengiso lwangaphakathi kumaqumrhu onke aphantsi kweBonglez Group, ngenjongo yokulungelelanisa nokuqinisekisisa ukuba urhwebo lwethu lucaciseka kakuhle ngegama nenjongo. Logama igama lethu liguqukile, ukuzinikela kwethu ekuphuhliseni amanqindi kuhleli kuluqilima kunangammgaphambili.”
UDlamini wongeze ngelithi: “Siqhubela phambili nokumela ukwenza okuhle, isimilo kunye nokuphuhlisa uluntu ngemidlalo. Sibulela ngokungazenzisiyo kubo bonke abaxhasi bethu, iimbethi-manqindi nabalingane ngokuqhubela phambili nokusixhasa ngelixesha.
“Bonke abaxhasi bethu basekhona, kwaye sibamkela ngezandla ezifudumeleyo abafikayo nabatsha ukuba bahambe, basebenzisane nathi kwisahluko esilandelayo kwimbali yamanqindi aseMzantsi Afrika. Masenzeni imbali kunye, ngaphakathi nangaphandle kwaseqongeni.”
Kusenjalo, uNgxaka wayiphumelela lentshinga ngethuba enqumamisa uThami Luthuli kumjikelo wesine e-Orient Theatre, eMonti, phantse kwisithuba seenyanga ezine ezagqithayo.
Kwelinye icala, uGqola wabaselungelweni lokucela umngeni kulentshinga yoMzantsi Afrika emva kokunqumamisa umkhaya wakhe waseDuncan Village uMalakhi Sobolo kumjikelo wokuqala ngoMatshi. – Monwabisi Jimlongo