Isakhono samanqindi esasithembisa kakhulu, kodwa seza nokuncinane kakhulu sizakuvuselelwa xa uLuyanda ‘Pretty Boy’ Ntwanambe ebuyela eqongeni xa esilwa kulenyanga ezayo.

Into yokokuba uNtwanambe wayethembisa yabonakala kakuhle ngethuba ephumelela intshinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) Africa kudidi lwempukane emva kokubetha uFikile Mlonyeni e-Orient Theatre, eMonti, ngoSeptemba 2019. Kodwa lonto yabayimpumelelo nje njengokuba uNtwanambe engazange enze into ekungabhalelwa ngayo ekhaya.

Ngoku uNtwanambe uzakulinga ukuvuselela amanqindi akhe xa esilwa noRofhiwa Maphupha kumlo okudidi lwempukane kwiholo iPortuguese, eTurffontein, eRhawutini ngeCawa umhla weshumi elinesixhenxe. 

Njengokuba wagqibela ukulwa ngethuba ebethwa ngowayeyinjinga ye-International Boxing Organisation (IBO) neyoMzantsi Afrika kudidi lwempukane uJackson ‘M3’ Chauke eBoardwalk, eGqeberha, ngo-Epreli 2021, uNtwanambe uzakukhokelelwa edabini nguBernie Pailman kumlo wakhe olandelayo.

“Ndiyavuya njengokuba ebuya nje. Uyimbethi-manqindi enesakhono esihle,” utshilo uChauke emva kokuva ukuba uNtwanambe uyalwa kulenyanga ezayo. 

UNtwanambe, oyinzalelwane yaseDuncan Village, uphumelele imilo esixhenxe, wanqumamisa amadoda amane, wabethwa kumlo omnye, waze walwa ngokulingana komnye. Kwelinye icala, uMaphupha ugqibele ukulwa ngethuba ebethwa nguMncedisi Duze kumjikelo wokuqala e-Estcourt kulenyanga ephelileyo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php