Kwesinye isenzo sendelelo, u-Asemahle ‘The Predator’ Wellem walathe uBoxing South Africa (BSA) ngophakathi kwakhona njegokuba eqhubela phambili ngokulwa eTanzania ngaphandle kwemvume emkhululayo.
UWellem, otshikilayo, uzakulwa nommi waseNigeria u- Idowa Mustorpha Rasheed eViwanja vya Posta, eDar-Es-Salaam, kwelaseTanzania, ngoMgqibelo.
“UWelllem uyadelela, kwaye sele sibaxelele abalingane bethu eTanzania kunye nomthelekisi waphaya,” iphefumle yatsho ingqonyela kaBSA uTsholofelo Lejaka.
Lentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight neyinzalelwane yaseChintsa eMpuma Koloni izakulwa kwelaseTanzania isihlandlo sesithathu ingakhange ikhululwe nguBSA.
Lomfana waqala ukudelela uBSA ngethuba esiyokulwa noFrank Shagembe Katwila kwelalizwe elikwiMpuma Afrika ngoDisemba nyakenye nangona wayefanele ukuhlala iinyanga ezintathu ekude nento edibanisene namanqindi emva kokunqunyanyiswaa kumjikelo wesibhozo yimbethi-manqindi yase-Australia uConor Wallace kwelase-Australia.
Kwakhona engakhululwanga nguBSA, uWellem, ohlonitshwa kakhulu kwelaseTanzania, wanikela umva uMzantsi Afrika wayokulwa noJacob Maganga eTanzania kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo. UWellem waphumelela okokuqala kwisithuba esingaphaya konyaka ngethuba ebetha lembethi-manqindi yaseTanzania. – Monwabisi Jimlongo