Imbethi-manqindi yaKwaZulu-Natal uNtethelelo ‘Baby G’ Nkosi akanadyudyu njengokuba esazi ukuba kufuneka enze ntoni na xa esilwa noFiorenzo Priolo kumjikelo wesithathu weWBC Grand Prix eRiyadh kwelaseSaudi Arabia. 

UNkosi, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight, uzakungquzulana noPriolo, ongekabethwa, kumjikelo wesithathu weWBC Grand Prix eGlobal Theatre Boulevard Riyadh City eRiyadh ngoLwesithathu umhla weshumi elinesithathu ku-Agasti. 

“Yena yimbethi-manqindi entle, kwaye ndiyamhlonipha njengokuba ndihlala ndibahlonipha abantu endilwa nabo. Unerekhodi elihle kakhulu. Kodwa, andiqondi ukuba uzakuba yingxaki. Ndiwulungele lomlo,” utshilo uNkosi. 

Lenzalelwane yaseMtubatuba ifikelele kulomjikelo wesithathu wolukhuphiswano emva kokubetha uJu Wu waseChina ngoJuni kunye nomYiphutha uMarwan Muhamad Madboly kwisithuba esiphantse sibeziinyanga ezine ezigqithileyo.

UNkosi, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, uya kulomlo emva kokuphumelela imilo elithoba, enqumasise amadoda amahlanu, wabethwa kwimilo emibini. 

Kusenjalo, uPriolo waseTorino kwelase-Italy uyimbethi-manqindi ewuchanayo umcimbi nanjengokuba eyiphumelele yolishumi elinanye imilo yakhe, enqumasise amadoda amahlanu. 

UPriolo, oneminyaka engamashumi amabini anesibini, ubethe ummi waseKazakhstan uNurzhan Serikbayev no-Efe Derin Konuk waseTürkiye kwimijikelo emibini egqithileyo yaletumente. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php