Ummi waseZambiya, uMaybin Kante, uzakuba yindoda yesithathu phakathi eqongeni xa kukhala intsimbi isithi mawuqale umlo oyimpinda phakathi kukaMelvin ‘El Gringo’ Jerusalem wasePhilippines kunye nenzalelwane yaseMdantsane uSiyakholwa Kuse ngoMgqibelo.
UJerusalem uzakukhusela intshinga yakhe yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lweminimumweight xa esilwa noKuse e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni.
UKante, owaqala kwiminyaka elishumi elinesithathu ukuba ngusompempe nomgwebi, sele engusompempe kwimilo engamashumi amathathu anesine, waze wagweba kwengamashumi amathandathu ananye, ngokokutsho kweBoxrec.
Uzakuncediswa ngabagwebi amathathu, ummi woMzantsi Afrika uThabo Spampool, uJerrold Tomeldan wasePhilippines kunye noDavid Irving waseNorthern Ireland.
Ekuqaleni, ummi waseTanzania uJohn Chaggu ebengomnye wabagwebi, kodwa inkampu kaJerusalem yala ngelithi ayimfuni omnye um-Afrika ozakuba ngumgwebi kulomlo, yiyo lonto kuye kwabizwa u-Irving.