Kwisithuba nje esingaphantsi konyaka emva kokuwongwa nge-Andrew Mlangeni Green Jacket Award kumsitho weeSouth African Sport Awards eSun City, eRustenburg, igqala lomqeqeshi wamanqindi uNorman Hlabane uzakuwongwa kwakhona.

Nangona nje engekawongwa emanqindini oMzantsi Afrika, uHlabane uzakufumana iwonga lesilivere le-Order of Ikhamanga lisuka kuMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa. 

Ngo-Agasti nyakenye, uHlabane wawongwa kunye noBruce Fordyce, owaphumelela iComrades Marathon izihlandlo ezilithoba, owayeyinjuze etshawuzayo uPeter Manero Ngobeni, ixhego eliyimbaleki yemigama emide uJohannes Mosehla kunye no-Errol Tobias, umdlali omnyama wokuqala ukudlalela iqela lombhoxo loMzantsi Arrika kwimidlalo-vavanyo, kumsitho weeSA Sport Awards. 

Njengokuba wakhe wayimbethi-manqindi ngaphambili, uHlabane udume kakhulu ngokukhokelela ongasekhoyo uDingaan ‘The Rose of Soweto’ Thobela kwintshinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) neyeWorld Boxing Association (WBA) kudidi lwelightweight. 

Kungoku nje, uHlabane, owanikwa iwonga leLifetime Achievement kwi-2018 Gauteng Sport Awards, uqeqesha uKhaya Busakwe, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php