Imbethi-manqindi yaseMpuma Koloni, uSiyakholwa Kuse, uzakubuyela ekhayeni lakhe eMdantsane KuGompo City, ebuya nodumo kusasa ngoMgqibelo kanye nje emva kweveki enze imbali kumanqindi ehlabathi.

UKuse ubhalise igama lakhe kwiincwadi zembali ngethuba ebayimbethi-manqindi yesine kweli loMzantsi Afrika ukuphumelela intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) emva kokubetha obeyintshatsheli yodidi lweminimumweight uMelvin Jerusalem wasePhilippines e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo weveki ephelileyo. 

Ngaloondlela, uKuse, obhiyozele ukufinca iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ngoLwesibini, uphinde wenza imbali ngokuba yimbethi-manqindi yokuqala eMpuma Koloni ukuphumelela intshinga yeWBC. 

UKuse uzakugaleleka eKing Phalo Airport ngentsimbi yethoba kusasa, aze aye kwiholo yaKuGompo City, apho kuzakubakho umsitho wokumamkelela ekhaya. Emva Koko bazakwenjenjeya ukusingisa eMdantsane begqitha eZiphunzane, baphinde bagqithe kudederhu lweevenkile e-NU 9 eMdantsane, baye nakwezinye e-NU 13 nakwindawo yokuqeqesha imbethi-manqindi kwa-NU 8. Emva kwemini uKuse uzakuya kwitumente yamanqindi eyenziwa yiGround Up Sports Promotions eJan Smuts Stadium. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php