Umdlali wasesiswini kwiBafana Bafana uThemba Zwane uzakuqhubela phambili edlalela iqela lakhe leMamelodi Sundowns emva kokuvuselelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho neentshatsheli zase-Afrika emva kwemini ngoLwesihlanu.
Kulindeleke ukuba uZwane, ozakufinca iminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ngo-Agasti, adlale xa iBafana iqubisana neNicaragua kumdlalo wobuhlobo e-Orlando Amstel Arena, eSoweto, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.
“Ukapteni wethu uThemba Zwane utyikitye isivumelwano esitsha sisolula ixesha nohambo lwakhe kwiMamelodi Sundowns,” itshilo iSundowns.
Lomfana waseTembisa, Ekurhuleni, osendleleni eya kwiNdebe yeHlabathi, usandula ukuphumelela iCAF Champions League nezangxa zaseTshwane.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php