Kanye nje kwiintsuku ezimbalwa emva kokuhlazwa ngokuquthiswa yiJapan ngamanqaku amahlanu eqandeni, iBanyana Banyana iguqule izinto njengokuba ibethe AmaJapan ngenqaku elinye eqandeni kumdlalo wamazwe ngamazwe wesibini eJ-Green Sakai Sports Complex kwelaseJapan kusasa ngoLwesibini ngokwexesha loMzantsi Afrika.
ULinda Motlhalo uxhume ngaphezu komntu wonke wafaka inqaku ngentloko emva kwekona ebithatyathwe nguRefiloe Jane, obedlala umdlalo wakhe wekhulu elinamashumi amahlanu kwijezi yeBanyana, ngomzuzu wethoba.
AmaJapan angene ebaleni ngeqela elohlukileyo kweliya ebelisebenzise ngoMgqibelo weveki ephelileyo. Kodwa kuyo yonke lonto iBanyana iye yazimisela kakhulu kulomdlalo.