Iqela elizinze kwiCape Winelands, iStellenbosch FC, ingqinile kusasa ngoLwesihlanu ukuba ityikitye owayengumdlali wasesiswini kwiKaizer Chiefs, uNjabulo Blom.
Lenzalelwane yaseDobsonville, eSoweto, neneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, izibandakanye neStellies ngemboleko, ivela kwiBorneo Samarinda, edlala kwi-Indonesian Super League.
“IStellenbosch Football Club sichwayitile ukwazisa ukuba sityikitye uNjabulo Blom ngemboleko yesizini enye, evela kwiBorneo Samarinda, edlala kwi-Indonesian Super League,” sitshilo iStellies.
UBlom uphefumle wathi: “Ndichwayite kakhulu ukuba lapha, apho ndizokuqala khona uhambo kwindawo entsha. Ndizimisele kakhulu ukumelana nomcelimngeni kunye nokwakha ubudlelwane noogxa bam abatsha. Ndizakwenza konke okusemandleni am ukunceda iqela lethu liphumelele.”
Kulindeleke ukuba uBlom, owakhe wadlalela uqela elikwiMajor Legue Soccer, iSt Louis City, kwelaseMelika, adlale umdlalo wakhe wokuqala kwiStellies kumdlalo neChiefs eFNB Stadium, eNasrec, eRhawutini, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesixhenxe ku-Octobha.