Category: Boxing

UBEKIWE UMHLA WOMLO KANKOSI NOMSIMANG

Ngelingeni ude wabekwa umhla womlo apho uNtethelelo Nkosi ezakukhusela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight xa esilwa noSanele Msimang kumlo okuzakuqhizana iimbethi-manqindi zaKwaZulu-Natal. Eqeqeshwa nguDamien Durandt eRhawutini, uNkosi uzakube eyikhusela okokuqala…

SIYAVALWA ISAHLUKO SIKAJACOBS

Isahluko sikaPhakamile Jacobs, ebesithiwe mbende luloyiko nobumpatha, emanqindini aseMonti sizakuvalwa ngci ngokusemthethweni ngoMvulo. UJacobs uzakube enikezela iintambo zolawulo kuSiya Vabaza-Booi ngokusemthethweni ngaphambi kwabalawuli bakaBoxing South Africa (BSA) eMonti. I-Ink Sport…

IBHODI KABSA IMEMA UJACK 

Ukunikezela ngeentambo zolawulo okukuko, okungazange kwenzeke ngethuba ibhodi kaBoxing South Africa (BSA) eyayikhona iphelelwa lixesha ngoDisemba wonyaka ophelileyo, kuzakwenzeka kungekudala. Kwaye uSakhiwe Sodo, olilungu lebhodi kaBSA, uveze ukuba bamemele uLuthando…

UDE VRIES UQHUBELA PHAMBILI KWISIKHUNDLA SAKHE 

Ibhodi kaBoxing South Africa (BSA) ithabathe isigqibo kwintlanganiso yangoMgqibelo ukuba u-Andre de Vries aqhubele phambili kwisikhundla sokubangusihlalo wekomiti eyenza uluhlu lweembethi-manqindi inyanga ngenyanga. UDe Vries ubengusihlalo walekomiti emva kokubekwa yingqonyela…

css.php