Category: Football

IPIRATES IBETHE IQELA LASESPAIN 

I-Orlando Pirates ibethe iSevilla FC ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo wobuhlobo eRamón Cisneros Palacios Ciudad Deportiva kwelaseSpain ngokuhlwa kwangoMvulo. EzikaMagebhula bezihamba phambili ngenqaku elinye eqandeni ekupheleni kwesiqingatha sokuqala. Elinqaku lifakwe nguMiguel…

UFIKILE UBARNS KWISTELLIES 

IStellenbosch FC yakwiCape Winelands ibhengezile kusasa ngoMvulo ukuba imtyikityile umdlali wasesiswini uSanele Barns esuka kwiRichards Bay FC. UBarns, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe noyinzalelwane yaseTweefontein eMpumalanga, udlale indima enkulu ekuqinisekiseni ukuba…

UDOVE UBUYELA EMZANTSI AFRIKA  

Ubuyela eMzantsi Afrika umdlali wasemva u-Edmilson Dove emva kokonzakala kwinkampu yokuzilolonga yeKaizer Chiefs kwiseshoni yangoLwesihlanu kwelaseTürkiye. Lomdlali weqela lesizwe laseMozambique sele ebhilabhiliwe ngoogqirha kwinkampu yeChiefs. Uzakunikela umva iTürkiye ukuze azokuhlolisiswa…

css.php