Category: Football

UBUYELE KWIICHILLI BOYS UMALI

Ngelingeni iqela elizinze eGqeberha iChippa United ide yaqinisekisa ukuba umhlalutyi wayo wamhlamnene uSinesipho Mali ubuyele kweliqela ngoLwesine njengomqondisi wemidlalo. UMali ubuyele kwiiChilli Boys emva kokusebenza njengomhlalutyi wemidlalo kwiqela leSekhukhune United.…

IICHILLI BOYS ZIQESHE UMQEQESHI OMTSHA 

Iqela laseMpuma Koloni iChippa United iqinisekisile kusasa ngoLwesithathu ukuba iqeshe uSinethemba Badela njengomqeqeshi wayo omtsha. UBadela, oyinzalelwane yaseSterkspruit kumaspala iSenqu, uvale isikhundla esishiyeke singenamntu emva kokumka kukaThabo September. Lomqeqeshi omtsha…

IBAFANA IBETHE IIMAMBAS

Bedlala umdlalo wabo wesibini kwiintsuku ezine, kulandela ukubambana ngeqanda macala omabini kunye neTanzania ngoLwesihlanu kuleveki ephelileyo, iBafana Bafana ibethe iMozambique ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo wobuhlobo ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngokuhlwa…

IBAFANA IPHUMELELE KUMDLALO NEZIMBABWE 

IBafana Bafana ibuyele ekuphumeleleni njengokuba ibethe iZimbabwe ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo weNdebe yeCOSAFA eFree State Stadium, eMangaung, emva kwemini ngoMgqibelo. IBafana ibinkqenkqeza phambili ngenqaku elinye eqandeni ekupheleleni kwesiqingatha sokuqala ngenqaku…

IITAIFA STARS ZIBAMBENE NEBAFANA

IiTaifa Stars zaseTanzania zibambene ngeqanda macala omabini neBafana Bafana kumdlalo wobuhlobo obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu. IBafana ibiwulawula umdlalo, kodwa ayikwazanga ukuguqula lonto ibengamanqaku nangona nje idale amathuba…

css.php