IBSA INTYUMPANTYUMPEKA KWIINGXAKI ZEMALI

UMandla Ntlanganiso uzobe umfanekiso ombi kakhulu ngemicimbi yeBoxing South Africa (BSA), awafikela kuyo ngethuba ebuyela e-ofisini ngoDisemba wonyaka ophelileyo emva kokumiswa emsebenzini iinyanga eziliqela. Ethetha kudliwanondlebe nenkqubo kamabonakude iTKO Boxing…

UTAT’OMKHULU UMAHLANGU UZAKULWA EBOTSWANA 

Njengotat’omkhulu owomeleleyo nangona eneminyaka engamashumi amane anesine, uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu uzakwenza umtsi wokuya eBotswana, apho azakulwa khona noTefo Letshikgwane, ozinze eLobatse, ekuthwaseni kwalenyanga ezayo. Elinxele laseLikwa, eliyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi…

‘UBUYELA EKHAYA’ UNGEBIYANA

USabelo Ngebiyana ‘uzakubuyela ekhaya’ aphinde alwe ngaphantsi kukaBoxing South Africa (BSA) kwakhona emva kokusebenzisa ilayisenisi yaseTanzania ngenxa yokokuba ebengonwabanga yindlela ebekusenziwa ngayo izinto kwigunyabantu eliphethe amanqindi eMzantsi Afrika. Umphathi wakhe,…

ITHWIHLI THWAHLA IQUTHISE IICITIZENS

IRoyal AM iquthise iCape Town City ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo weDStv Premiership eHarry Gwala Stadium, eMgungundlovu, ngokuhlwa kwangeCawa. Inqaku elize ngentloko kaSedwyn George ngomzuzu wamashumi amathathu anesihlanu emva kwebhola ebisuka…

I-ARROWS IDE YAPHUMELELA NGELINGENI

Imvula ine nasentlango njengokuba iLamontville Golden Arrows iphumelele okokuqala emva kokutsala nzima kwimidlalo elishumi elinanye, ibetha iPolokwane City ngenqaku elinye eqandeni kumdlalo weDStv Premiership e-Old Peter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngemva…

css.php