Sele libekiwe usuku lowona mlo omkhulu oquka abasetyhini amabini kweli loMzantsi Afrika, iimbethi-manqindi zaseMpuma Koloni uNozipho Bell noBukiwe Nonina bazakunyathelana ngoobhontsi kulenyanga ezayo.

Osinqe siseWalmer eGqeberha, uBell uzakubuyela eqongeni emva kwesithuba esingaphaya konyaka njengokuba ezakukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-lightweight kumlo wakhe noNonina waseDutywa. 

“Asikawatyikityi amaphepha esivumelwano somlo. Kodwa ke, kuqinisekisiwe kwiveki ephelileyo ukuba umlo uzakuba ngomhla wamashumi amabini anesithandathu ku-Epreli,” utshilo uLonki Witbooi, ongumphathi kunye nomqeqeshi kaBell. 

Umlo noNonina, owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika neWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwentambanani, ngumlo wokuqala kaBell kususela mhla wanqumamisa uMashudu Ramakwelo kumjikelo wesibini ngethuba besilwa kwiholo iBabs Madlakane KwaNobuhle, eKariega, ngoDisemba ka-2022. 

Kusenjalo, uNonina wagqibela ukulwa ngethuba ebambana nembethi-manqindi engummi waseZimbabwe, uChiedza Homakoma, eVodaworld, eMidrand, ngoSeptemba wonyaka ophelileyo. 

One thought on “LIBHENGEZIWE USUKU LOMLO KABELL”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php