UPhumzile ‘Sweet Chocolate’ Matyhila, ongumqeqeshi ka-Asemahle ‘The Predator’ Wellem, unyeke ukubona imbethi-manqindi yakhe iphumelela kumlo wayo kunye nembethi-manqindi yaseTanzania, uSelemani ‘Mamba’ Kidunda, ngoLwesihlanu ebusuku.

UWellem, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, uzakube ekhusela intshinga yakhe yeWorld Boxing Foundation (WBF) Intercontinental kudidi lwesuper-middleweight okokuqala xa esilwa noKidunda, oneminyaka engamashumi amane, eWarehouse, eMasaki, kwintloko-dolophu iDar-Es-Salaam.

“Ingathi awusafiki lomlo, ingakumbi njengokuba singakhange sisokole ukubenza ubunzima nobuthe benziwa lula nangulomntu esiza kulwa naye. Silwa nomntu oneminyaka engamashumi amane,” uphimisele watsho uMatyhila.

Njengokuba ilutyelelo lwesibini lwalenjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight kwelilizwe laseTanzania kwisithuba esingaphantsi konyaka, uMatyhila ukholelwa ukuba lomlo soze ufike kwimijikelo elishumi elinambini. Kutyelelo lwakhe lokuqala kwelilizwe eliseMpuma Afrika, uWellem waphumelela intshinga yeWBF emva kokubetha ummi waseTanzania uTwaha Kassimu Rubaha ngamanqaku ngoJulayi kulonyaka ophelileyo. 

“Lomntu esizakulwa naye uyakuba nethamsanqa ukuba umlo uthe wafika kumjikelo wesixhenxe. Sizakumsa kumhlalaphantsi. Kwaye ke sizilungiselele ukulwa yonke imijikelo elishumi elinesibini. Sizakulwela intshinga yehlabathi ukuba siwuphumelele lomlo ngoLwesihlanu,” utshilo uMatyhila. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php