Intshatsheli yoMzantsi Afrika, uZolisa Batyi, ukholelwa ukuba uYamkela Phaliso ubenethamsanqa njengokuba erhoxile kumlo wabo kuba ebezimisele ukumbonisa amaqhekez’engqele xa bebezakulwela e-Orient Theatre, eMonti, ngeCawa umhla wamashumi amathathu ananye kuMatshi.

UPhaliso urhoxe kulomlo emva kokonzakala esihlahleni ngethuba elungiselela ukungquzulana noBatyi. Ngoku uBatyi uzakuvana amandla noLucky Hobyane, obekwa kwindawo yesithandathu kumanqwanqwa oMzantsi Afrika ngaphantsi kodidi losiba.

“Ililishwa into yokokuba ndingazokuba salwa noPhaliso. Lomfana ebethethe kakhulu, kwaye unethamsanqa kuba bendifuna ukumvala umlomo. Ikhona into ebendifuna ukumbonisa yona,” utshilo uBatyi. 

Lentshatsheli yosiba eMzantsi Afrika, eqeqeshwa ngumqeqeshi wonyaka ka-2023 uKhangelani Jack, ayikhalazi njengokuba imaxhaphetshu ilungiselela ukukhusela isithsaba sayo kuHobyane, enqwalileyo isithi ayimazi kuba ufana nencwadi evaliweyo kuyo.

“Enyanisweni, andazi kwanto ngoHobyane. Kodwa andinangxaki ekulweni naye, ingakumbi njengokuba ndikulungele ukulwa. Eyona nto ebalulekileyo kukuphulaphula imiyalelo yomqeqeshi wam,” utshilo uBatyi.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php