Intatheli yaseTunisia, u-Ahmed Adala, uveze ukuba umqeqeshi weBafana Bafana, uHugo Broos, wayevumile ukuqeqesha iiCarthage Eagles.

Ethetha kudliwanondlebe noThabiso Mosia kwiRadio 2000 ngokuhlwa kwangoLwesibini, u-Adala uthe: “Asizange sithi uHugo Broos sele etyikityile neTunisian Football Federation. Sithi sekumbovu atyikitye. Ngomhla wamashumi amabini anesibini kuFebruwari saxelelwa ukuba izakwenzeka lonto, kwaye wayevumile ukuqeqesha iTunisia. Nkqu nokokuba angayiphika lonto.

“Waxelelwa ukuba makalinde kude kubekho ingqungquthela yeTunisian Football Federation, eyayizakubanjwa ngomhla wethoba kuMatshi. Kodwa ke yalibaziseka loongqungquthela, mhlawumbi yiyo lonto engekatyikityi. Wayeyicacisile ukuba ufuna ukuwunikela umva uMzantsi Afrika kuba efuna ukuba kufutshane kusapho lwakhe eBelgium, kwaye iTunisia imnika kanye elothuba.”

UBroos, ongummi waseBelgium oneminyaka engamashumi asixhenxe ananye, uzakukhokela iBafana xa idlala ne-Algeria kumdlalo wobuhlobo eNelson Mandela Stadium, e-Algiers, ngentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngoLwesibini.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php