Igqala lembethi-manqindi uThembelani Nxoshe urhoxile kwitumente yeX Promotions ezakubanjelwa eWhittlesea Multipurpose Hall, eSada, ngomhla wesithathu ku-Epreli.  

Lomfo, uwayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane, ebezakuvavanya isakhono sakhe samanqindi kumlo netyendyana uMoyisi Booi kwidabi lokukhusela intshinga yakhe yaseMpuma Koloni.

UBooi, owayeyimbethi-manqindi ephambili kudidi lwabangahlawulwayo, uye warhoxa kulomlo emva kokudumba eqatheni.

Abaququzeleli betumente yeX Promotions baye bathetha nabaphathi bakaSiyanda Tona, abangakhange bavume ukuba alwe noNxoshe kuba besithi akakulungelanga oko. Ngoku uNxoshe uzakulwa kwimijikelo emithandathu kwitumente yeXaba Promotions kulenyanga ezakuthwasa.

“Sirhoxile kulatumente kuba asikhange sifumane umntu esinokulwa naye. Ngoku sizakulwa kwitumente yeXaba Promotions kulenyanga ezayo. Okwangoku asikayazi ukuba sizakulwa nabani na,” uphefumle watsho uAmanda ‘Jahman’ Magatya, olikhankatha likaNxoshe.

UNxoshe wagqibela ukulwa ngethuba liphanza ilinge lakhe lokuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika isihlandlo sesibini emva kokubethwa ngamanqaku nguJackson ‘M3’ Chauke, oyinjinga ye-International Boxing Organisation.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php