UDamien Durandt akalindelanga into engaphantsi kwempumelelo xa imbethi-manqindi yakhe uBrandon Thysse evana amandla noDarrin Rossouw waseGqeberha kuleveki ezayo. 

UThysse waseGermiston, Ekurhuleni, uqubisana noRossouw kumlo omijikelo ilishumi kwitumente yeGolden Gloves e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoLwesihlanu. 

“UBrandon Thysse uyalwa ngoLwesihlanu kuleveki ezayo, ulwa noDarrin Rossouw. Ndilindele umlo omhle kakhulu kuBrandon. Usebenze nzima kakhulu elungiselela lomlo,” utshilo uDurandt. 

UThysse, ongunyana wongasekhoyo nowayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight u-Andre Thysse, kufuneka ebuyele ekuphumeleleni emva kokuquthiswa yintshatsheli uShervantaigh Koopman kumlo wentshinga yeli kudidi lwejunior-middleweight ngoSeptemba wonyaka ophelileyo.

“Ubenexesha elinzima kakhulu kuleminyaka mibini enesiqingatha. Kodwa yonke into imzele kakuhle kwezinyanga zine, zintlanu. Ume kakuhle ngoku, kwaye ndilindele umlo omhle kakhulu kuye. Ndicinga ukuba amava akhe ayakumnceda kakhulu kulomlo noDarrin,” uqukumbele watsho uDurandt. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php